1.
Hozana enyangweni;
Hozana enyangweni;
Ndivuma ngezwi lam!!
Kunyana kaDavide,
Ozayo ngenxa yam-
Hozana undisiza,
Ebunzimeni bam;
Uyeza,akabizwa
Ongu Msindisi wam.
2.
Ndovatha ezinjani
Ndovatha ezinjani
Wakutyelela kum,
Yilungisele Wena,
Yonk’ intliziyo yam
Ndiyinikele kuwe
Ongumhlanguli wam
Mayiqubude kuwe
Ngenene,Nkosi yam.
3.
Ndandikhululwe nguwe;
Ndandikhululwe nguwe;
Entolongweni yam
Seliqhawuliwe nguwe
Ikhamandela lam
Elandincamisayo
Ndalah`ubomi bam;
*Se’ undivuyisile
Ekhululwe kwam.