Hlala nami! Litshonil’ ilanga,
Ubusuku bufikile,
nkosi, Ma ndingasali ndingenamncedi,
Ndenzel’ uncedo ngokuhlala nam.

Buya khaw’leza obo bomi bam,
Ndiya siywa zezomhlab’ izinto;
Ndibona iinguquleko
zodwa, Wen’ ongaguqukiyo: hlala nam.

Yiba seloko ukufuphi nam,
Undigxothele zonk’ iintsaba zam;
NguWe nkosi onokundigcina,
Phakathi kwentshunguzi: hlala nam.

Andinakuxhala kukho wena,
Lintlungu neentsizi azinani;
Luphi uloyiso lwakho nchwaba?
Ndiya koyisa xa Uhleli nam.

Zibonakalis’ emehlweni am,
Uz’undikhombise okwezulu;
Ndikhanyisele yonk’ indlela
yam, Nasekueni kwam Uz’ube nam.

Amen