Bawo Thixo onamandla onke

on

Bawo Thixo onamandla onke
Ndinje ngenxa yofefe lwakho
Owaluthyila kuKrestu
Ezelwe yinyaniso nobabalo
Wandikhetha phakathi kwabantu
Ngofefe olungazuzwayo
Ngaphandle kwalo olo fefe andiyonto

Liyin’igama lami
Ngaphandle kofefe lwakho
Ndibhubha yiminqweno
Esenongenzeki
Esenongafezeki, kwaphela
Ufefe lwakho
Lufihleke amandla akho okusindisa
Ndiyagcinwa ngolofefe lwakho Thixo

Ndixolelwa ngolo fefe
Ndiphiliswa ngolo fefe
Ngalo ndiyasindiswa
Ndiyagcinwa ngolo fefe lwakho Thixo

 

Submitter Name: Melokuhle

Comments

comments

Top