Jerusalem, ikhaya lam,
Endilithandayo;
Wofezwa nin’ umzamo wam?
Ze ndiphumle kuwe.

Obona nin’ amehlo am
Loo masango mahle;
Nezitrata zegolide,
Zomzi wosindiso?

Umzi omhle kuneEden,
Ongangenwa soono;
Nezihlalo zawo zihle;
Ndikhumbula wona.

Zingandidakumbisa na
Iintlungu nokufa?
Se ndiyibon’ iKanana
Engunaphakade.

Namabandl’ aabapostile
Angqong’ umSindisi;
Nabo bonk’ abakuKristu,
Baya kuya khona.

Ndiya kulangazelela,
Jerusalem entSa;
Imizamo yam yophela
Ndakufika kuwe.