Jerusalem, ikhaya lam,
Endilithandayo;
Wofezwa nin’ umzamo wam?
Ze ndiphumle kuwe.
Obona nin’ amehlo am
Loo masango mahle;
Nezitrata zegolide,
Zomzi wosindiso?
Umzi omhle kuneEden,
Ongangenwa soono;
Nezihlalo zawo zihle;
Ndikhumbula wona.
Zingandidakumbisa na
Iintlungu nokufa?
Se ndiyibon’ iKanana
Engunaphakade.
Namabandl’ aabapostile
Angqong’ umSindisi;
Nabo bonk’ abakuKristu,
Baya kuya khona.
Ndiya kulangazelela,
Jerusalem entSa;
Imizamo yam yophela
Ndakufika kuwe.