Mazith’ iingqondo zethu
Zimbonge uYehova
Kuba iinceba zakhe
Zimi ngonaphakade.
Ma sithi kulo lonke
Sazis’ igama laKhe
Kuba iinceba zakhe
Zimi ngonaphakade
Ngawo amandla aKhe
Ukhanyisel’ ilizwe
Kuba iinceba zakhe
Zimi ngonaphakade
Wondla izinto zonke
Ngaso isandla saKhe
Kuba iinceba zakhe
Zimi ngonaphakade
Ezintsizini zethu
Iliso liyabona
Kuba iinceba zakhe
Zimi ngonaphakade
Kubo bonke oothixo
Akukho onjengaYe
Kuba iinceba zakhe
Zimi ngonaphakade
Amen