Hymn 206 Xhosa

1.
Ndiyakhala kuwe,nKosi !
Bawo oyiNgcwele, ndive
Kobu bugxwayiba, ndive
Ekweneni kweli lizwe

2.
Ndiyigusha,ndalahleka;
Ma ndifunwe,ndibuyiswe;
Ndiyoyika kula mawa,
Mandilandwe,ndigoduswe.

3.
Ndaphambuka emendweni,
Ndalushiy’ufefe lwaKho,
Kwezi ntanda-buzo zimbi
Se ndeyele,ndiyatshona.

4.
Enkungwini,ekufeni,
Phuma Langa lolungiso !
Ma ndingene endleleni
Ndilubone usindiso.

5.
Ndipheleke,muKhululi !
Ma ndiphathelele kuWe;
Koba mnandi ndakuhamba
NaWe,ndize ndingadinwa.

6.
Ngoko ndinga ndingahamba,
NaWe nKosi enofefe;
Ndiwanyuke amaqhina
Neentsunguzi ezimnyama. Amen