Nzulu yemfihlakalo, nzulu yesimanga
ezalise umhlaba nesibhakabhaka
Le nzulu yesimanga ngokaThix’unyana
Oweza ebantwini ngokubasindisa

Wabon’uluntu lonke luwe esonweni
imiphefumlo yonke ihlel’elishweni
wasikwa yimfesane engummangaliso
wathabathela kuye lonk’ihlazo labo

Kwba ngummangaliso ukuzalwa kwakhe
Waphila wafundisa ngokuncamisayo
Waba ngummangaliso umnqamlezo wakhe
Wafa woyis’ukufa saba sisismanga

Hayi obobunzulu boluthando lwakhe
naloo msebenzi wakhe ungenakuqondwa
Abakholwayo namhla abanakugwetywa
Ma udunyiswe Nkosi kusephakadeni.
Amen.